NgoAprili 2, 2013, izikhukula ezinamandla zagubungela isixeko saseBuenos Aires neseLa Plata. Amajelo eendaba athi kwafa abantu abayi-57. AmaNgqina kaYehova amalunga ne-500 achatshazelwa zezi zikhukula ibe ayi-200 kwafuneka afuduswe aye kuhlala komnye ummandla. AmaNgqina aseArgentina ancedisa ngokuthumela iilitha ezingaphezu kwe-30 000 zamanzi, iithoni eziyi-30 zokutya, oomatrasi, iingubo nemiqamelo emininzi, ukunceda amaNgqina kunye nabangengawo. Maninzi amaNgqina ancedisayo kulo msebenzi. Amanye ahamba umgama oziikhilomitha ezimalunga ne-480 ukuza kucoca nokuza kulungisa izinto.

Ungafowunela:

Okwenzeka ehlabathini: UJ. R. Brown, okwiOfisi Yenkcazelo kule nombolo +1 718 560 5000

EArgentina: UÁngel Mattiacci, kule nombolo +54 15 5424 9071