Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

AGASTI 23, 2017
KWIIPHILIPPINES

Umlilo Uzitshise Zaphela Izindlu KwiiPhilippines

Umlilo Uzitshise Zaphela Izindlu KwiiPhilippines

NgoAgasti 5, 2017, kwabakho umlilo kummandla waseAgdao kwiSixeko SaseDavao, esikwiSiqithi SaseMindanao, kumzantsi wePhilippines.

Nangona kungekho maNgqina KaYehova alele esibhedlele, izindlu zeentsapho eziyi-13 ziye zatsha kanobom, ibe loo nto iye yachaphazela abantu abayi-29. AmaNgqina asiwe kwezinye iindawo aye ahlala namanye amaNgqina. Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eseManila iye yalungiselela ikomiti enceda ngexesha lentlekele ukuze ivelele ukusasazwa kwezinto zokunceda.

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova livelela umsebenzi wokunceda ngexesha lentlekele likwikomkhulu lehlabathi, lisebenzisa iminikelo yomsebenzi wamaNgqina owenziwa ehlabathini lonke.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

KwiiPhilippines: UDean Jacek, +63-2-224-4444