I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

NOVEMBA 14, 2013
KWIIPHILIPPINES

INkanyamba Enkulu UHaiyan Intlitha Umbindi WePhilippines

INkanyamba Enkulu UHaiyan Intlitha Umbindi WePhilippines

EMANILA, kwiiPhilippines—INkanyamba Enkulu uHaiyan (ekwabizwa ngokuba nguYolanda kwiiPhilippines) iye yantlitha lo mmandla ngoNovemba 8, 2013, ibe iyeyona inkulu eye yabangela ukuba kudilike umhlaba.

NgoNovemba 13, 2013, iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova kwiiPhilippines eseManila iye yachaza ukuba ayi-27 amaNgqina aye afa. Kuye kwatshabalala amakhaya amaNgqina angaphezu kwayi-100 kunye neendawo zokunqula ezintlanu.

IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lenza amalungiselelo okunceda iindawo ezithwaxwe yintlekele likwikomkhulu eBrooklyn, eNew York. Njengenxalenye yala malungiselelo, iofisi yesebe kwiiPhilippines iye yenza umgudu wokuthumela ukutya, amanzi, amayeza nezinye izinto kwiindawo ezichaphazelekileyo. NgeCawa, ngoNovemba 10, kwakusele kuthunyelwe iimoto ezilishumi ezinezinto zokunceda, ibe kwathunyelwa ezingakumbi ngosuku olulandelayo.

Akukhange kudlule thuba lide lo mmandla untlithwe yinyikima enamandla eyayingo-Oktobha 15, 2013, neyabulala abantu abayi-218. Ingxelo zibonisa ukuba le nyikima yabulala amaNgqina kaYehova amathathu: elinye xa kwakudilika umhlaba, amabini awelwa zizindlu zawo. Le nyikima yayilandela INkanyamba uNari eyayintlithe eli lizwe ngo-Oktobha 12, 2013, ibulala ubuncinane abantu abayi-13.

IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lisebenzisa imali yeminikelo eyenziwa ukuxhasa umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke ukuze incede ngamaxesha entlekele. Eli Qumrhu likwajonga nendingeko ekhoyo yamavolontiya lize lisebenzise iofisi zesebe ezisehlabathini lonke ukuze lifumane abantu abawazi kakuhle umsebenzi ukuze bancede ngexesha lentlekele, ibe lisebenzisana namagunya asekuhlaleni namanye amajelo okunceda.

UDean Jacek, isithethi samaNgqina kaYehova kwiiPhilippines, wathi: “Kubuhlungu ukuva ngokufa kwabantu abaninzi kangaka ngenxa yeentlekele eziye zakho. Abantu abaye bachaphazeleka badinga ukuthuthuzelwa. Siza kuqhubeka sisenza konke okusemandleni ethu ukuze sincede abahlobo nabamelwane bethu.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

KwiiPhilippines: uDean Jacek, tel. +63 2 411 6090