Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

AGASTI 15, 2012
EZAZWENIBANZI

Iwebhsayithi Yethu Iyaphuculwa

Iwebhsayithi Yethu Iyaphuculwa

Abasebenzi abangamaNgqina kaYehova basebenze iinyanga ezithile kunye nesebe Lobugcisa neLokuzoba ukuze benze iwebhsayithi yethu ethi www.jw.org ibangele umdla, kuze kube lula ukuyisebenzisa ngekhompyutha nangefowuni. Baye bayiphucula becinga ngezi zinto zimbini.

1. Ukudibanisa zonke iiwebhsayithi zethu. Iiwebhsayithi ezintathu zamaNgqina kaYehova ziza kudityaniswa zibe yiwebhsayithi enye esemthethweni ethi—www.jw.org. Ezinye ezimbini ethi, www.watchtower.org nethi www.jw-media.org ziza kuyekwa.

Ukufaka yonke into kule webhsayithi kuza kunceda wonke umntu ofuna inkcazelo ngamaNgqina ayifumane kwindawo enye. Ngokomzekelo ungazifumanela, uzimamele okanye uziprinte iBhayibhile neencwadi ezithetha ngayo ngeelwimi ezininzi.

2. Ukongeza inkcazelo. Le webhsayithi iphuculiweyo ineempendulo ezingqalileyo zemibuzo yeBhayibhile yaye ithetha ngomsebenzi wokushumayela, iiofisi zamasebe, iiHolo zoBukumkani kunye neendibano zamaNgqina kaYehova. Icandelo “Leendaba” lithetha ngamaNgqina asehlabathini lonke. Kukho nezinye izinto ezibangela umdla zeentsapho, abantu abaselula kunye nabantwana.

Ngokusu nje, iimpapasho zethu zifundwa ngamakhulu-khulu abantu ngeelwimi ezingama-430 ezikhoyo kwiwebhsayithi yethu. Bazikhuphelela iimpapasho ezirekhodiweyo, ze-EPUB, zePDF okanye iividiyo zeNtetho Yezandla eziphantse zafika kwisiqingatha sezigidi. Suku ngalunye abantu abalikhulu bazicelela ukufundelwa iBhayibhile.