Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

SEPTEMBA 5, 2017
EUNITED KINGDOM

Iofisi Yesebe Entsha YamaNgqina KaYehova EBritani Ifumana Imbasa YeBREEAM

Iofisi Yesebe Entsha YamaNgqina KaYehova EBritani Ifumana Imbasa YeBREEAM

ELONDON—AmaNgqina KaYehova akha isakhiwo esitsha, ibe ngenxa yendlela esakhiwe nesenziwe ngayo siye safumana eyona mbasa iphambili yeBREEAM (Building Research Establishment Environmental Assessment Method). Esi sakhiwo sikumgama omalunga neekhilomitha eziyi-70 ngakwimpuma yeLondon, eChelmsford, e-Essex, kwaye sisakhiwo sesibini esiphume phambili kwiBREEAM.

NgoMeyi 25, 2017, isakhiwo esitsha samaNgqina esiseChelmsford ibe sesesibini ukuphuma phambili kwizakhiwo ezakha zahlolwa yiBREEAM.

IBREEAM yasekwa yiBRE (Building Research Establishment). Nazi izinto ezijongayo kwisakhiwo: siyawonga umbane, sikulungele ukuhlala abantu, sakhiwe ngohlobo lwala maxesha, umhlaba osetyenzisiweyo, izinto zokwakha ezisetyenzisiweyo, indlela esiza kusebenza ngayo, akukho nto iza kungcolisa umoya, indlela asetyenziswa ngayo amanzi nokuba akwenziwa nkcitho ininzi. Emva kokuba sijongiwe, kuye kuchazwe ukuba sakhiwe kakuhle, kakuhle kakhulu okanye sesona siphume phambili. Ukuze iplani yesakhiwo samaNgqina ipasiswe, kwakufuneka ibe nazo zonke izinto ezifunwa yiChelmsford City Council, enye yazo yayinconywa kakhulu yiBREEAM. UNeil Jordan, osebenza kwiofisi yeeplani zezakhiwo yeChelmsford City Council, uthi ngesakhiwo samaNgqina: “Sivuyiswa kukubona ukuba amaNgqina KaYehova aye enza nangaphezu koko besikulindele kuwo.” Wongeza athi: “Ngoku kule dolophu yethu sinokuqhayisa ngesi sakhiwo kuba singumzekelo omhle wesakhiwo esingonakalisi ndalo.”

Enye into esenze saphumelela nangakumbi kukungayimoshi indalo. AmaNgqina athutha abantu abasebenza apho ngeebhasi ezincinci nangezinye iindlela ukuze umoya ungabi nekhabhon eninzi. Aye aba ngawokuqala ukunconywa yiBREEAM ngenxa yezi zinto. UMnu. Jordan uthi xa bekusenziwa esi sakhiwo kuye kwakhangelwa iindlela zokucutha ikhabhon ukuze kungonakaliswa indalo, nto leyo eyenze amaNgqina anconywa kakhulu yiBREEAM kunezinye izakhiwo ekhe yazihlola.

UMnu. Pallab Chatterjee, osebenza kwiBREEAM.

Ethetha ngendlela aye wasebenzisana ngayo namaNgqina, uMnu. Pallab Chatterjee, osebenza kwiBREEAM uthi: “Ndathanda indlela abonwabe nabanobubele ngayo xa besebenza esakhiweni. Kaloku inqabe gqitha loo nto. AmaNgqina aye azama kangangoko ukwenza zonke izinto ezilindelwe yiBREEAM esakhiweni. Ayengakhi kuba efuna ukunconywa yiBREEAM, kodwa eyona nto ayeyifuna sisakhiwo esiza kuwusebenzisa kakuhle umbane nesingazukuba yingozi kwindalo. Ndandiyithanda kakhulu indlela ababethethathethana ngayo nabamelwane babo kunye nabantu abaza kuhlala apho. Ndikuthande kakhulu ukusebenza kwesi sakhiwo.”

UAndrew Schofield, othethela amaNgqina KaYehova aseBritani, uthi: “Kangangeminyaka eyi-60 besisoloko sisebenzela eLondon. Kodwa ngenxa yokuba umsebenzi uya usiba mninzi, kuye kwafuneka sifumane indawo enkulu yokusebenzela. NgoAprili 2015, saye saqalisa ukulungiselela ukwakha kwindawo enkulu, ibe sicinga ukuba siza kugqiba ekupheleni kuka-2019.”

Onokuqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EUnited Kingdom: Andrew Schofield, +44-20-8906-2211