I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

NOVEMBA 11, 2014
EUKRAINE

Phezu Kwazo Nje Izidubedube ZaseUkraine AmaNgqina KaYehova Ahlanganisana Ngoxolo Aza Afumana NeBhayibhile

Phezu Kwazo Nje Izidubedube ZaseUkraine AmaNgqina KaYehova Ahlanganisana Ngoxolo Aza Afumana NeBhayibhile

UAnthony Morris weQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova ukhulula iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo.

ELVIV, eUkraine—Nakubeni kukho imfazwe kwimpuma yeUkraine, amaNgqina kaYehova ahlanganisana eLviv ngoJulayi 4-6, 2014, kwiNdibano yeNgingqi eyayinomxholo othi, ‘Qhubeka Ufuna Kuqala UBukumkani BukaThixo!’ UAnthony Morris weQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, wakhulula iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo ngesiUkraine sezi mini.

Iofisi yesebe yamaNgqina alapho yalungiselela ukuba iinxalenye ezithile zale ndibano zibukelwe kwividiyo kwizixeko ezisibhozo nakweminye imimandla eyi-62 yaseDonetsk eyayigquba imfazwe. Kwibala laseLviv kwakukho abantu abayi-18 336 yaye xa bebonke kuquka nabo babebukele kwezinye iindawo, babeyi-82 832. Kwabhaptizwa abantu abayi-1 068.

KwiNdibano eyayinomxholo othi, ‘Qhubeka Ufuna Kuqala UBukumkani BukaThixo!’ kwibala laseLviv, kweza abantu abayi-18 336.

Ngosuku lokuqala lwendibano, kwanyanzeleka wonke umntu alishiye ibala ngenxa yamarhe ayesithi kukho isiqhushumbisi kwelo bala. Abantu abayi-16 000 ababeze kule ndibano baphuma ngemizuzu nje eyi-11, kodwa ucwangciso lwaphinda lwaqala emva nje kokuba abasemagunyeni beqinisekise ngelithi loo marhe awayonyaniso.

UVasyl Kobel, isithethi samaNgqina kaYehova eUkraine, uthi: “Kusivuyisile ukuba neendwendwe ezingaka kwindibano yethu. Asiwuval’ umlomo oko sifumene iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngesiUkraine, eyaqala yenziwa ngesiNgesi ngo-Oktobha 2013. Kusivuyisa nangakumbi ukushumayela ngezithembiso zeBhayibhile zekamva elizaliswe luxolo, ngokukodwa kula maxesha angaginyisi-mathe elizweni lethu.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EUkraine: UVasyl Kobel, tel. +38 032 240 9323