Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

AGASTI 22, 2017
ESIERRA LEONE

Izikhukula Ezibulele Abantu ESierra Leone

Izikhukula Ezibulele Abantu ESierra Leone

Kusasa ngoAgasti 14, 2017, izikhukula zimoshe kakhulu iivenkile, iindlela nezindlu kulo lonke elaseFreetown ikomkhulu laseSierra Leone. Kusweleke abantu abayi-400 kwaye kuqikelelwa ukuba bayi-600 abalahlekileyo. Amagosa anexhala lokuba kuseza kunetha kwaye ezoomvula zinokwenza umonakalo ongakumbi.

Iofisi yesebe yaseSierra Leone ithi akukho maNgqina KaYehova aswelekileyo okanye onzakeleyo kule ntlekele. Sekunjalo, iintsapho ezimbini ziye zasiwa kwezinye iindawo. Abadala bamabandla asekuhlaleni baye bakhuthaza loo maNgqina besebenzisa iBhayibhile. Ukongezelela, abadala basasaze amacebiso abonisa izinto ezimele zilumkelwe xa kukho ezinye izikhukula.

Onokuqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

ESierra Leone: UCollin Attick, +232-76-67-90-75

MEPS:TitleIzikhukula Ezibulele Abantu ESierra Leone