I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

OKTOBHA 14, 2015
ERASHIYA

Iingcali Zinxamnye Nesigqibo SeRashiya Sokuvala Iwebhsayithi I-JW.ORG

Iingcali Zinxamnye Nesigqibo SeRashiya Sokuvala Iwebhsayithi I-JW.ORG

EST. PETERSBURG, eRashiya—NgoJulayi 21, 2015, uManyano Lwamaphondo AseRashiya lwagqiba ekubeni luvale iwebhsayithi esemthethweni yamaNgqina kaYehova i-jw.org, lusenza ibe kukwaphula umthetho ukuxelela abanye ngayo. IRashiya kuphela kwelizwe ehlabathini eliye lavala le webhsayithi.

Ingcali yezifundo zakwalizwi noprofesa weAcademy of Labor and Social Relations eMoscow, uYekaterina Elbakyan, uthetha ngale webhsayithi esithi: “Ndicinga ukuba le webhsayithi iyimfuneko kuba inenkcazelo echanileyo esuka ngqo kumaNgqina kaYehova ngentlangano yawo kunokuba siyive ngabanye abantu. . . . Asingawo kuphela anomdla kule webhsayithi, kodwa nabanye abantu abanomdla kwiinqulo ezahlukahlukeneyo. Andithethi kuphela ngabaphengululi abaziingcali kwezonqulo njengam, kodwa ndikwathetha nangeentatheli nabasasazi ababhala ngemibandela yonqulo.”

“Ndicinga ukuba le webhsayithi iyimfuneko kuba inenkcazelo echanileyo esuka ngqo kumaNgqina kaYehova”—UYekaterina Elbakyan, uprofesa weAcademy of Labor and Social Relations eMoscow

Ingcali yezomthetho kwiZiko Lamalungelo Abantu eMoscow, uLev Levinson, isilanda embalini esi senzo sikarhulumente isithi: “Kule minyaka yoo-2000 iRashiya inomgaqo-siseko oqinisekisa inkululeko yonqulo nokulingana kweecawa kwezomthetho. Sekunjalo, njengakwiminyaka yoo-1800, iRashiya kwakhona iyayivala inkululeko yomntu yokuxelela abanye ngezimvo zonqulo lwakhe ngokuthimba uncwadi nokuvala iiwebhsayithi. Yonke le nto yenziwa ziijaji neengcali zomthetho ezibeka imiqathango engekho mthethweni, zizimela ngelithi zilwa neembono ezibaxiweyo.”

Ukuvalwa kwale webhsayithi sisenzo sakutshanje esisusela kwityala lasezinkundleni lango-2013. NgoAgasti 7 waloo nyaka, inkundla yenqila yaseRashiya yalixoxa bucala eli tyala yaza yafikelela kwisigqibo sokuba le webhsayithi ineembono ezibaxiweyo, kodwa eso sigqibo sarhoxiswa yinkundla yengingqi ngoJanuwari 22, 2014. Sekunjalo, iSekela Lomtshutshi-jikelele woManyano Lwamaphondo AseRashiya labhenela kwiNkundla Ephakamileyo yolu manyano ukuze kubuyiselwe isigwebo sangaphambili. NgoDisemba 2, 2014, iNkundla Ephakamileyo yachophela eso sibheno engekho amaNgqina ukuze azikhusele, oku kwakungenxa yokuba ayengaziswanga kakuhle ngelo tyala. INkundla Ephakamileyo yasibuyisela isigwebo, ivakalisa le webhsayithi njengeneembono ezibaxiweyo nakuba yayivuma ukuba ayisenankcazelo ikhabanayo nezimvo zabasemagunyeni eRashiya. AmaNgqina abhena kusihlalo weNkundla Ephakamileyo nxamnye nesi sigqibo, kodwa atsho phantsi. Ngenxa yaso, ngoJulayi 21, 2015, iSebe Lezobulungisa LaseRashiya lafaka le webhsayithi kuLudwe Lwelizwe Loncwadi Olunyingozi, layivala kulo lonke elaseRashiya.

UYaroslav Sivulskiy, isithethi samaNgqina kaYehova eRashiya, uthetha ngengxaki ebangelwe kukuvalwa kwale webhsayithi esithi: “Sidanile kukuba abasemagunyeni eRashiya befikelele kwesi sigqibo singekho ngqiqweni. Ukuvalwa kwale webhsayithi kuthintela unqulo lwabantu abangaphezu kwe-170 000 abangamaNgqina kaYehova kweli lizwe. Kodwa xa uphawula ukuba kukho abantu abamalunga ne-285 000 eRashiya abangena kuyo mihla le, oku kwenza kucace ukuba nkqu nabo bangengomaNgqina kaYehova bavinjwa ilungelo lemfundiso yeBhayibhile esemagqabini.”

Ethetha kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina eBrooklyn, eNew York, uJ. R. Brown, isithethi samaNgqina kaYehova, uthi: “Iwebhsayithi yethu i-jw.org ineevidiyo ezisemagqabini, uncwadi lokufundisisa iBhayibhile ngeelwimi ezininzi kunye neemagazini ezisasazwe ngokubanzi ehlabathini, IMboniselo noVukani! Iye yafakwa kumathala amakhulu eencwadi ehlabathini lonke kwaye isetyenziswa ngokubanzi ezikolweni. Iye yanceda abantu abaninzi ehlabathini ibe isetyenziswe kakhulu eRashiya. Yinyaniso ukuba le webhsayithi ifanele isasazwe ehlabathini lonke.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Russia: Yaroslav Sivulskiy, tel. +7 812 702 2691