I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

JANUWARI 21, 2014
ERASHIYA

INKCAZELO ENGAKUMBI: Ilinge Lokuvala I-JW.ORG Liwe Phantsi

INKCAZELO ENGAKUMBI: Ilinge Lokuvala I-JW.ORG Liwe Phantsi

EST. PETERSBURG, eRashiya—NgoAgasti 7, 2013, iNkundla yeSithili saseTsentralniy ekwisixeko saseTver, ekummandla oziikhilomitha eziyi-160 ukusuka kumntla weMoscow, iwise isigwebo sokuba iwebhsayithi efundisa ngeBhayibhile i-jw.org ivalwe eRashiya.

I-jw.org indwendwelwa ngabantu abaninzi ehlabathini lonke, nabantu abenza uphando kuyo bayayihlonela inkcazelo yayo, sekunjalo, inkundla ivumelene nabasemagunyeni baseRashiya ukuze ivalwe le webhsayithi ithandwayo. Le nkundla iwise esi sigwebo ingakhange idibane nokudibana nabapapashi bale webhsayithi, iWatchtower Bible and Tract Society of New York. AmaNgqina kaYehova aye afaka isibheno kwiNkundla yeNgingqi yaseTver. Esi sibheno siza kuphulaphulwa ngoJanuwari 22, 2014.

Ukuba esi sibheno asamkelwa, le webhsayithi ayizi kufumaneka kumaNgqina kaYehova angaphezu kwayi-160 000 eRashiya, ayisebenzisela iinjongo zonqulo, nokufunda iBhayibhile neentsapho zawo. Ukukhuthaza abanye ukuba baye kule webhsayithi kuya kufana nokophula umthetho eRashiya. Ukongezelela koku, abantu abamalunga nabayi-142 miliyoni beli lizwe abazi kukwazi ukufumana inkcazelo ethetha ngeBhayibhile nefumaneka ngaphandle kwentlawulo kule webhsayithi. UYekaterina Elbakyan, oyingcali kwizifundo zentanda-bulumko nezonqulo, nokwanguprofesa kwiAcademy of Labor and Social Relations eMoscow uthi i-jw.org, “sisipho esinceda nabani na owenza uphando ngonqulo. Inenkcazelo eninzi ibe kulula ukuyiqonda. Iyibeka ngendlela elula inkcazelo eseBhayibhileni nephathelele indlela yokuziphatha. Xa usebenzisa le webhsayithi kuba ngathi uvulelwa umnyango ekhayeni lamaNgqina kaYehova.”

Ethetha eseSt. Petersburg, uGrigory Martynov, isithethi samaNgqina kaYehova eRashiya sathi: “Iwebhsayithi i-jw.org sisixhobo esisebenziseka kakuhle sokuphanda esinokusetyenziswa ngumntu wonke ofuna inkcazelo ngeBhayibhile. Le webhsayithi ayipolitiki ibe ayishishini. Sinethemba lokuba iNkundla yeNgingqi yaseTver iza kuqiniseka ukuba le webhsayithi inemfundiso yeBhayibhile, iza kuhlala ikho eRashiya.”

UJ. R. Brown, isithethi samaNgqina kaYehova kwikomkhulu lehlabathi eNew York, wathi: “Iwebhsayithi i-jw.org ithandwa gqitha ngabantu abafuna ukwenza uphando ibe inkcazelo ekuyo ithenjwa zizo zonke iintsapho ezisehlabathini. Abantu abamalunga nabayi-900 000 bandwendwela le webhsayithi suku ngalunye ukuze bafumane inkcazelo eza kubanceda ngeelwimi ezimalunga neziyi-600. Licacile elokuba le nkcazelo iluncedo.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

ERashiya: uGrigory Martynov, tel. +7 812 702 2691

INKCAZELO ENGAKUMBI ngoJanuwari 22, 2014: AmaNgqina kaYehova aye aphumelela kwityala lenkundla, inkundla yezibheno iye yasijika isigwebo esiwiswe yenye inkundla encinane yokuvala iwebhsayithi yamaNgqina kaYehova ethi jw.org, eRashiya. INkundla yeNgingqi yaseTver iye yavula ityala elitsha, kulo kuye kwafumaniseka ukuba iNkundla yeSithili saseTsentralniy ekwisixeko saseTver zange yenze isigqibo esifanelekileyo ngoAgasti 7, 2013, kuba sasingekho isizathu esingokwasemthethweni sokuvala le webhsayithi. UJ. R. Brown, isithethi esikwikomkhulu lamaNgqina uthi: “AmaNgqina asehlabathini lonke ayaluvuyela olu loyiso. Ngenxa yendlela eliphume ngayo eli tyala, bonke abemi baseRashiya baza kukwazi ukusebenzisa le webhsayithi efundisa ngeBhayibhile.”