Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

JUNI 21, 2017
ERASHIYA

Ividiyo Ebonisa Amapolisa AseRashiya Ephazamisa Intlanganiso Yonqulo

Ividiyo Ebonisa Amapolisa AseRashiya Ephazamisa Intlanganiso Yonqulo

ENEW YORK—Isitishi seglavny.tv, esineendaba zakwiCentral Federal District of Russia, sibonisa amapolisa aseRashiya nabantu beFederal Security Service (FSB) bephazamisa intlanganiso yonqulo lwamaNgqina KaYehova eOryol, eRashiya, ngoMeyi 25, 2017.

NgoMeyi 25, 2017, amapolisa aseRashiya aphethe imipu aphazamisa intlanganiso yonqulo yamaNgqina KaYehova eOryol, eRashiya.

Kule vidiyo, kuboniswa uDennis Christensen, owazalelwa eDenmark, ethetha nawo ezolile. Ahamba naye aya kumvalela, ibe usesentolongweni nangoku.

Lo uthetha nawo ngumdala welo bandla owazalelwa eDenmark, uDennis Christensen. Wabanjwa yiFSB ngoMeyi 25, 2017.

Isithethi samaNgqina KaYehova esikwikomkhulu lawo lehlabathi, uDavid A. Semonian, sithi: “Le vidiyo ibonisa indlela amaNgqina KaYehova azola ngayo naxa abomthetho bewoyikisa futhi bephazamisa iintlanganiso zawo. Abomthetho abazukuyeka ukuyenza le nto ngaphandle kokuba iNkundla Ephakamileyo YaseRashiya irhoxisa isigqibo esenzileyo ngamaNgqina KaYehova. Sibuhlungu ngoDennis Christensen esikhonza naye, ekungavunywayo ukuba umfazi wakhe aye kumbona okanye amfowunele. Sinethemba lokuba akazukuhlala xesha lide entolongweni.”

Onokuqhagamshelana naye:

UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000