I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

FEBRUWARI 14, 2013
ERASHIYA

ERashiya: Inkululeko Yokuhlanganisana Ibekelwa Imiqathango Ngokungekho Mthethweni

ERashiya: Inkululeko Yokuhlanganisana Ibekelwa Imiqathango Ngokungekho Mthethweni

NgoDisemba 5, 2012 iNkundla Yomgaqo-siseko YaseRashiya yakhupha isiqinisekiso sokuba, akukho mfuneko yokuba iicawa zifumane imvume karhulumente xa zifuna ukuqhuba iinkonzo zazo kwindawo ezinganquleli kuyo. Eli tyala, elavulwa Ligosa Elilwela Amalungelo Abantu kurhulumente waseRashiya, lalibalulekile kumaNgqina kaYehova kuba nyaka nonyaka abambela iindibano kwiindawo eziqeshisayo nakumakhaya abantu. Isigqibo eye yafikelela kuso iNkundla Yomgaqo-siseko sisekelwe kumatyala aye aphunyelelwa ngamaNgqina kaYehova kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. UGrigory Martynov, isithethi samaNgqina kaYehova sathi: “Sinethemba lokuba esi sigqibo siyakwenza ukuba sihlanganisane ngaphandle kokuphazanyiswa nokuba sixhasa inkululeko yonqulo eRashiya.”

Ungafowunela:

Okwenzeka ehlabathini: UJ. R. Brown, okwiOfisi Yenkcazelo kule nombolo +1 718 560 5000

Okwenzeka eRashiya: UGrigory Martynov kule nombolo +7 812 702 2691