I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

JANUWARI 11, 2013
EOSTRELIYA

Umlilo Wamadlelo ETasmania

Umlilo Wamadlelo ETasmania

Ubushushu obungazange babonwa ngaphambili bubangele umlilo wamadlelo kwisiqithi saseOstreliya iTasmania. La malangatye omlilo aye atshabalalisa ilokishi encinane yaseDunalley, ekufuphi nesixeko esilikomkhulu, iHobart. Nangona kungekho ngxelo yabantu abaye bafa, amapolisa asakhangela abantu abalahlekileyo. AmaNgqina kaYehova athi lo mlilo utshise nomzi welinye iNgqina. AmaNgqina amaninzi aye ashiya imizi yawo abalekela kwabanye abazalwana. Yiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseSydney evelela uncedo lokomoya nolwezinto eziphathekayo olunikelwa kumaxhoba.

Ungafowunela:

UJ. R. Brown, okwiOfisi Yenkcazelo, kule nombolo, +1 718 560 5000

EOstreliya: UDonald MacLean, kule nombolo, +61 2 9829 5600