Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

APRILI 29, 2014
ENICARAGUA

Inyikima ENicaragua

Inyikima ENicaragua

NgoMvulo, ngoAprili 14, 2014, umntla-mpuma weManagua, eNicaragua wathwaxwa yinyikima enkulu. Iinyikima bezizenzela kulo mmandla kangangeentsuku ezine, kodwa le yokugqibela yeyona ibe nkulu. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova ekuMbindi weMerika eMexico yachaza ukuba akukho maNgqina onzakeleyo. Izindlu ezisixhenxe zamaNgqina zemka nenyikima ibe eziyi-21 zazingamabhodlo. Enye iHolo yoBukumkani, indawo anqulela kuyo amaNgqina kaYehova, ekwidolophu yaseNagarote nayo yayidilikile. Ngenxa yoko, amabandla amabini amaNgqina kaYehova, asibambela iSikhumbuzo sokufa kukaYesu Kristu kwiindawo yokupaka iimoto eHolweni yoBukumkani. Ababezile, babengaphezu kwabayi-530 kuquka nabaninzi abangengomaNgqina. Iofisi yesebe iye yalungiselela ukuba kubekho indawo yokuhlala yokwexeshana yamaNgqina adilikelwe zizindlu.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

KuMbindi Merika: UGamaliel Camarillo, tel. +52 555 133 3048