I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

JULAYI 3, 2014
EMEXICO

AmaNgqina Abonisa Ngoncwadi Lwawo KwiSixeko SaseMexico

AmaNgqina Abonisa Ngoncwadi Lwawo KwiSixeko SaseMexico

KWISIXEKO SASEMEXICO—AmaNgqina kaYehova ebekunye nemibutho eyi-150 eprinta uncwadi kumboniso wokuqala weencwadi olungiselelwe sisixeko saseMexico. Lo mboniso ububanjwelwe kwiWorld Trade Center yeSixeko saseMexico ukususela ngoAprili 25 ukuya kutsho ngoMeyi 4, 2014, yaye sele kudlule iminyaka eyi-50 uqhutywa. Bekukho abantu abamalunga nabayi-20 000.

AmaNgqina aye abonisa ngeencwadi, iimagazini neevidiyo zawo ezahlukahlukeneyo. Aphinda abonisa nangewebhsayithi yawo ethi, www.jw.org, apho abantu banokuzifumanela uncwadi ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-650. Abantu ababezile bathatha uncwadi olungaphezu kwe-1 600 yaye abanye bacele ukutyelelwa emakhayeni abo. AmaNgqina kaYehova awabizi mali xa ekutyelela okanye xa ekunika uncwadi lwawo.

Isithethi samaNgqina kaYehova eMexico, uGamaliel Camarillo, uthi: “Isivuyise gqitha into yokubona ukuba baninzi abantu abebenomdla eBhayibhileni, kwiwebhsayithi nakuncwadi lwethu. Ngumsebenzi wethu ukunceda abantu bafumane uncwadi olulolu hlobo xa kanye beludinga. Lo mboniso uye wayimpumelelo kakhulu.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EMexico: UGamaliel Camarillo, tel. +52 555 133 3048