I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

APRILI 24, 2015
EMEXICO

Kwakhululwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike NgesiTzotzil EMexico

Kwakhululwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike NgesiTzotzil EMexico

UGeoffrey Jackson, ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova, ukhulula iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike yesiTzotzil. Unxibe isambatho sesiTzotzil esenziwe ngoboya.

KWISIXEKO SASEMEXICO—AmaNgqina KaYehova akhulula iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngesiTzotzil kwindibano eyayingoDisemba 26-28, 2014, eTuxtla Gutierrez, eChiapas. Le Ndibano Yengingqi eyayinomxholo othi, “Qhubeka Ufuna Kuqala UBukumkani BukaThixo!” yanikelwa ngesiTzotzil, ulwimi lwamaMaya, yaye yabukelwa naseComitan, eChiapas. Ukongezelela kule Bhayibhile, bonke abayi-5 073 ababekho bafumana iincwadi ezintsha ezintandathu ezibhalwe ngesiTzotzil.

Isithethi samaNgqina KaYehova eMexico, uGamaliel Camarillo, sithi: “Sinemincili ngenxa yokukhululwa kweNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngesiTzotzil. Sikhangele phambili ekuyifundeni nabamelwane bethu abathetha isiTzotzil.”

INgqina elithetha isiTzotzil lisebenzisa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike kwindibano yaseChiapas, eMexico.

Kuthiwa isiTzotzil sithethwa ngabantu abangaphezu kwe-350 000 eBaja California, eCampeche, eChiapas, eOaxaca naseVeracruz. Ukuze kushunyayelwe kubantu abathetha isiTzotzil, amaNgqina aseke iofisi yokuguqulela ulwimi lwesiTzotzil, enabaguquleli abayi-15 eSan Cristobal de las Casas, eChiapas. Incwadi yokuqala yamaNgqina yesiTzotzil yakhululwa ngo-2002. Ngoku, amaNgqina KaYehova anezinto zesiTzotzil ezingaphezu kwe-60 ezifumaneka kwiwebhsayithi ethi jw.org.

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Mexico: Gamaliel Camarillo, tel. +52 555 133 3048