Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

OKTOBHA 28, 2014
EMEXICO

AmaNgqina KaYehova AseMexico Anceda Amaxhoba ENkanyamba UOdile

AmaNgqina KaYehova AseMexico Anceda Amaxhoba ENkanyamba UOdile

NgoMvulo, ngoSeptemba 15, 2014, emva kweNkanyamba uOdile, eyathwaxa unxweme lweBaja California Sur, amaNgqina KaYehova aselumelwaneni aphathela abantu ukutya, amanzi namayeza. Akukho maNgqina aswelekayo okanye enzakalayo nakuba le yayiyinkanyamba enkulu kulo singasiqithi ukususela ngo-1967. Noko ke, le nkanyamba yemka nezindlu zamaNgqina eziyi-82 yaza yonakalisa ezinye eziyi-85, ibe iintsapho eziyi-125 zasala zingenamakhaya. Abo bangenamakhaya bafumana indawo yokuhlala kwamanye amaKristu. Kangangeentsuku ezine ngaphambi kwenkanyamba, iikomiti zamaNgqina zokunceda zathumela emabandleni akulo mmandla iileta ezazichaza indlela yokuzilungiselela. Kwakhona abadala balungiselela ukuba amalungu ebandla anezindlu ezidilika lula afudukele kwamanye amaNgqina. Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eMexico yathumela izinto eziziitoni ezingaphezu kwe-20 zokunceda kulo mmandla wentlekele.

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Mexico: Gamaliel Camarillo, tel. +52 555 133 3048