I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

NOVEMBA 4, 2015
EMEXICO

AmaNgqina Awongwa Ngomsebenzi Wawo Wokufundisa IBhayibhile Kwiintolongo ZaseMexico

AmaNgqina Awongwa Ngomsebenzi Wawo Wokufundisa IBhayibhile Kwiintolongo ZaseMexico

ISIXEKO SASEMEXICO—Abasemagunyeni eBaja California, eMexico, banika amaNgqina kaYehova isatifiketi sokuwabulela ngomsebenzi wawo wokufundisa iBhayibhile kwiintolongo zamabanjwa aqaqadekileyo. Esi satifiketi sasayinwa ngunobhala karhulumente wecandelo lezokhuseleko, uDaniel De La Rosa Anaya nonobhala wecandelo likarhulumente leentolongo, uJesús Héctor Grijalva Tapia.

Esi satifiketi sithi: “Unobhala wecandelo lezokhuseleko emele urhulumente, ubulela amaNgqina kaYehova ngenkxaso, umsebenzi nokuzinikela kwawo ekuncedeni abantu baseBaja California; nto leyo efake isandla ekuphuculeni ubomi nokuqinisa umanyano lwabo.”

Umphathi weSocial Rehabilitation Center eMexicali, uJesús Manuel López Moreno.

AmaNgqina kaYehova aya qho kwiintolongo zamabanjwa aqaqadekileyo ezininzi zaseBaja California, nenye eseMexicali, aqalisa ukuya kuyo ngo-1991 emva kokucelwa lelinye lamabanjwa alapho. Xa wayedlan’ indlebe namaNgqina, umphathi weSocial Rehabilitation Center eMexicali, uJesús Manuel López Moreno, wathi: “Ukuza kwenu apha nokukhathalela amabanjwa kuncedisana nathi ekuwancedeni akwazi ukuthi: ‘Singabantu. Sixabisekile, kuba xa siphuma apha siza kuya kumanyana nabantu yaye simele senze izinto ezintle phakathi kwabo.’ . . . Ndiya kuhlala ndinibulela ngale nto.”

UGamaliel Camarillo, isithethi samaNgqina kaYehova eMexico, uthi: “Owona msebenzi ubalulekileyo wamaNgqina kaYehova kukunceda abantu, nditsho namabanjwa, bayazi into efundiswa yiBhayibhile. Ibandla eliseMexicali lithi, ngabantu abasibhozo abaye babhaptizwa bangamaNgqina kaYehova ngoxa bekwintolongo yamabanjwa aqaqadekileyo eMexicali. Sikholelwa ukuba abantu abavela kwiindawo ezahlukahlukeneyo bamele banikwe ithuba lokuncedwa yimfundiso yeBhayibhile.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Mexico: Gamaliel Camarillo, tel. +52 555 133 3048