I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

AGASTI 5, 2016
EMERIKA

AmaNgqina KaYehova Azithengisile IZakhiwo ZeKomkhulu Lawo EziseBrooklyn

AmaNgqina KaYehova Azithengisile IZakhiwo ZeKomkhulu Lawo EziseBrooklyn

ENEW YORK, ngoAgasti 3, 2016, amaNgqina KaYehova athengisa ngokusemthethweni izakhiwo zekomkhulu lawo, ezise-25/30 Columbia Heights eBrooklyn, eNew York. Athengisela iinkampani ezisebenzisanayo iKushner Companies neLIVWRK, le nto ibonisa amanyathelo abalulekileyo athathwe ngamaNgqina, ukulungiselela ukufudukela kwizakhiwo ezitsha eziseWarwick, eNew York.

Ezi zakhiwo zikhulu kangangezixeko ezijikelezwe zizitrato ezibini kwaye zikwindawo ekhethekileyo ephakathi kwezithili ezintathu ezinembali, iBrooklyn Heights, iFulton Ferry, neDumbo. Le ntengiso yayiquka ukuthengiswa kwezinye izakhiwo ezingase-25/30 Columbia Heights: isakhiwo esise-50 Columbia Heights, e-58 Columbia Heights, nesise-55 Furman Street, udlula kuzo ngamphambi kokuba ufike kwiBhulorho yaseBrooklyn ekufutshane nazo.

E-50 Columbia Heights nase-58 Columbia Heights

E-55 Furman Street

Izakhiwo ezise-25/30 Columbia Heights zazifudula izezenkampani yamayeza iE.R. Squibb & Sons, ngoku eyinxalenye yeBristol-Myers Squibb. Iwotshi enkulu nentente ebamba ubushushu ephezu kophahla lwase-30 Columbia Heights , bezibonakala phezulu eBrooklyn kangangamashumi eminyaka, uphawu olwalusithi “Squibb” luye lwatshintshwa lwathi “Watchtower” emva kokuba amaNgqina ethenge ezi zakhiwo ngo-1969. URichard Devine, othethela amaNgqina, ucacisa injongo yokuba kuthengwe ezi zakhiwo, uthi: “Sasifuna indawo enkulu ngakumbi ukuze sikwazi ukwenza imisebenzi yethu eyayiqhubeka isanda, ibe sasifuna ukudibanisa iiofisi zethu ezaziqelelene eBrooklyn.”

UDavid A. Semonian, isithethi samaNgqina KaYehova esikwikomkhulu lawo, uthi: “Izakhiwo ezise-25/30 Columbia Heights ziligugu lethu kwaye ziya kusoloko zikwimbali yethu nakwimbali yeBrooklyn.”

Onokuqhagamshelana Naye:

UDavid A. Semonian, Office of Public Information, 1-718-560-5000