Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

JUNI 13, 2017
EMALAWI

Abantwana Ababini BamaNgqina KaYehova Ababegxothiwe Babuyela Esikolweni

Abantwana Ababini BamaNgqina KaYehova Ababegxothiwe Babuyela Esikolweni

ELILONGWE, eMalawi—NgoMeyi 3, 2017 abantwana ababini bamaNgqina KaYehova, uAaron Mankhamba, oneminyaka eyi-18 noHastings Mtambalika, oneminyaka eyi-15, ababegxothelwe ukungaculi umhobe wesizwe esikolweni iKhombe Primary School, bavunyelwa ukuba babuyele. Aba bafundi bagxothwa ngoFebruwari 13, 2017. Babuyela emva kokuba abazali babo nabameli beofisi yesebe lamaNgqina KaYehova bedibene nabaphathi besikolo.

Kuloo ntlanganiso, abameli besebe bancedwa ziileta ezimbini ezisuka kurhulumente waseMalawi abaye bazibonisa abaphathi besikolo. Ileta yango-1997, iyawavumela amaNgqina KaYehova ukuba angawuculi umhobe wesizwe. Ileta yango-2017 yona iye yanceda ootitshala bahlonipha inkululeko yonqulo yabantwana besikolo.

UHastings uthi babuyiselwa kanye xa kuza kubhalwa iimviwo. Uthi: “Besinexhala lokuba ziza kusiphosa. Kaloku ezi mviwo zifika kanye ngonyaka.” Xa ungazipasanga, uyayiphinda loo klasi.

UAugustine Semo, osisithethi samaNgqina KaYehova eMalawi, uthi: “Aba bafundi bavuyela ukuba beza kuyekwa bangaculi umhobe wesizwe yaye siyasibulela isikolo ngokuthobela umthetho wokunqula ngokukhululekileyo nokubuyisela aba bantwana esikolweni.”

Onokuqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EMalawi: UAugustine Semo, +265-1-762-111