I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

JULAYI 16, 2015
EJAMANI

Abasemagunyeni Bathwesa Imbasa Utata Nonyana Ngokusindisa Amadoda Amathathu Kwimoto Evuthayo

Abasemagunyeni Bathwesa Imbasa Utata Nonyana Ngokusindisa Amadoda Amathathu Kwimoto Evuthayo

UJorim, uChristiane noAndreas Bonk. UAndreas wayelaliswe esibhedlele ngaloo mini, ngenxa yenye into.

ESELTERS, eJamani—Elinye iNgqina likaYehova, uAndreas Bonk, nonyana wakhe uJorim, ngabanye babantu abanikwa imbasa ngoAprili 16, 2015, ngokusindisa ubomi babantu abathathu ababekwimoto eyayivutha amadangatye. Ezi mbasa bazithweswa kwitheko ekwakukho kulo umphathiswa wezangaphakathi wePhondo laseBaden-Württemberg, kumzantsi-ntshona weJamani, noosodolophu ababini baseObersulm naseWaiblingen, iidolophu ababephuma kuzo abo babethweswa. UMphathiswa Wezangaphakathi, uReinhold Gall (kumfanekiso ongasentla, ngowesithathu ukusuka ekunene) wathwesa uAndreas Bonk iMbasa Yokusindisa Ubomi Babantu BePhondo LaseBaden-Württemberg (eLebensrettungsmedaille des Landes Baden-Württemberg). Loo mbasa yamkelwa yinkosikazi kaMnu. Bonk, uChristiane (kumfanekiso ongasentla, uphakathi), kuba yena wayelaliswe esibhedlele ngaloo mini, ngenxa yenye into. Kwelo theko, usodolophu waseObersulm, uTilman Schmidt (kumfanekiso ongasentla, ekuqaleni ekhohlo), wanika uJorim Bonk (kumfanekiso ongasentla, uphakathi) iSiqinisekiso Segama Elihle(iEhrungsurkunde).

NgoMeyi 11, 2014, uAndreas noJorim Bonk babehamba ngemoto kuhola wendlela besiya kwintlanganiso enkulu yemfundiso yeBhayibhile eyayiqhutywa ngamaNgqina kaYehova, apho uAndreas wayeza kunikela intetho yeBhayibhile. Kuloo ndlela, badibana nengozi embi yemoto. Amajoni amane aseUnited States ayevaleleke kuloo moto yayivutha amalangatye, ilele ngecala. AbakwaBonk, nabanye ababini bamisa iimoto zabo ukuze bancede. UAndreas wabeka ubomi bakhe engozini ezama ukukhupha loo majoni de kwafika amapolisa, abacimi-mlilo neambulensi. Okulusizi kukuba, elinye ijoni lafa. Iphephandaba iSulmtaler Woche lachaza into eyathethwa nguMphathiswa uGall kwaba bantu basindisa la majoni lisithi, “Nibe ngamakroti, nanesibindi. Anikhange nicinge ngobenu ubomi.” Usodolophu uSchmidt wongezelela ngelithi, “Thina bantu baseObersulm, siyazidla ngani.”

Le foto yafotwa ngexesha lengozi.

UAndreas Bonk wachaza into eyabangela ukuba abe nesibindi sokuhlangula loo majoni esithi: “Ndamisa kuloo ngozi kuba ndibakhathalele abantu. Ubomi ndibuxabise kakhulu. . . . Ukuba mna okanye izalamane zam sinokuba kwimeko enjeya, ndiyathemba ukuba nabanye abantu bangaba nesibindi sokunceda.” UJorim yena wathi, “Kubalulekile ukuba sibahoye abantu xa befuna uncedo.”

Elo theko lembasa lalikwiHolo Yedolophu yaseObersulm. Lithetha ngelo theko, iphephandaba laseJamani iSTIMME.de lachaza into eyathethwa ngusodolophu waseWaiblingen, uAndreas Hesky (kumfanekiso ongasentla, ngowesibini ukusuka ekunene), lisithi: “Xa nicinga ngale nto niyenzileyo, niya kuncuma ngaphakathi. Idolophu yaseWaiblingen iyazidla ngokuba nabantu abanjengani. Sifunda lukhulu kuni.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Germany: Wolfram Slupina, tel. +49 6483 41 3110