I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

NOVEMBA 12, 2013
EINDIYA

ISitshingitshane UPhailin Sithwaxa I-Indiya

ISitshingitshane UPhailin Sithwaxa I-Indiya

Ngo-Oktobha 12, 2013, iSitshingitshane uPhailin, esona sinamandla kule minyaka iyi-10 idlulileyo eIndiya, sithwaxe amaphondo akwimpuma yeli iOdisha neAndhra Pradesh. Esi sitshingitshane sinomoya obhudla ngamandla ukusa kwiikhilomitha eziyi-140 ngeyure, siye sonakalisa izindlu ezininzi eOdisha saza sabangela izikhukula ezibulele abantu abayi-43. Akukho maNgqina kaYehova aye afa okanye onzakala kule ngingqi. Ngaphambi kokuba esi sitshingitshane sifike ngaselunxwemeni, iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eIndiya iye yaseka ikomiti yokunceda amaNgqina amalunga nayi-70 afuduke kwiphondo iAndhra Pradesh. Aba bafudusiweyo banyanyekelwa emakhayeni amanye amaNgqina.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EIndiya: uTobias Dias, tel. +91 9845476425