I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

NOVEMBA 11, 2014
EHONDURAS

Ingozi Yebhasi Ebulele Abantu EHonduras

Ingozi Yebhasi Ebulele Abantu EHonduras

Ngentsasa yango-Oktobha 31, 2014, ibhasi eyayikhwelise amaNgqina KaYehova ayi-57 ayesiya kushumayela eLas Flores Lempira, yafumana ingozi kwindawo ekuthiwa yiSan Carlos Choloma. Kule ngozi kwasweleka umqhubi webhasi namaNgqina ayi-13 ayequka amantombazana amabini ana-14 nentombazana eneminyaka esibhozo. AmaNgqina ayi-44 asindayo asiwa esibhedlele ukuze axilongwe. Mabini kuphela ekwafuneka encedwe ngokukhawuleza kodwa emva koko kwathiwa angagoduka. Amanye amaNgqina athuthuzela aza anceda. NgoNovemba 1, 2014, umngcwabo wokuqala wabasithoba wabanjelwa eCholoma. Kulo mngcwabo kweza abantu abamalunga nabayi-3 000.

UJosé Castillo, isithethi samaNgqina KaYehova eHonduras, wathi: “Sibamba ngazo zozibini ngenkxaso yabantu basekuhlaleni namaziko awahlukahlukeneyo aye anceda kule ngozi.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Honduras: José Castillo Adriano, tel. +504 9998 0895

Mexico: Gamaliel Camarillo, tel. +52 555 133 3048