I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

JANUWARI 15, 2013
EFIJI

Isitshingitshane UEvan Sintlitha ISouth Pacific Islands

Isitshingitshane UEvan Sintlitha ISouth Pacific Islands

Isitshingitshane UEvan Sintlitha ISouth Pacific Islands

ESuva, eFIJI—Phakathi kwinyanga kaDisemba 20121, iFiji neSamoa zagutyungelwa sisitshingitshane esikhulu. Isitshingitshane uEvan, esachazwa njengesona sikhulu kwezakha zantlitha iFiji kwiminyaka eyi-70 eyadlulayo, sashiya elo lizwe liyingqushu. Ngenxa yoko amawaka abantu abhaca yaye konakala izakhiwo ezininzi. Omnye umsasazi wathelekisa umonakalo owenzeke eSamoa nalowo wenziwa yitsunami ngo-20095.

AmaNgqina kaYehova akazange achaze bantu bantu bawo bafileyo okanye bonzakeleyo. Sekunjalo, esi sitshingitshane sonakalisa imizi emininzi yamaNgqina. EFiji, ekuqaleni kwathiwa konakele okanye kwadilika imizi yamaNgqina engaphezu kwe-80. KwiSiqithi saseSamoa iUpolu, amaNgqina ayi-47 abhaca ngenxa yesaqhwithi.

Abantu baseSamoa ababhacayo ahlaliswa kwiindawo amaNgqina kaYehova anqula kuzo okwethutyana, nakwimizi yamanye amaNgqina. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseOstreliya yalungiselela izinto zokunceda abantu baseSamoa. NgoDisemba 18, kwasasazwa ukutya nezinto zokucoca kumabandla amane asekuhlaleni yaye amanzi ayefunyanwa kwiofisi yokuguqulela yamaNgqina kaYehova. Iqela lamaNgqina lenza iinzame zokulungisa amakhaya onakeleyo aza ahlamba ezo zazingcoliswe ludaka. EFiji, iikomiti zokunceda zamaNgqina asebenza ngokuzithandela zanikelwa uncedo olukhawulezileyo kumaxhoba esaqhwithi. Ngoku ezo komiti zijonga iindlela zokunceda amaNgqina onakalelwa.

UTevita Sadole, othethela amaNgqina kaYehova aseFiji kumaziko eendaba sathi: “Emva kwale ntlekele uye wamkhulu umsebenzi ekufuneka siwenze yaye siwenza kakuhle. Sikhangele phambili ekuncedeni abantu bethu nabamelwane bethu kwiintsuku ezizayo.”

Ungafowunela:

Okwenzeka ehlabathini: UJ. R. Brown, okwiOfisi Yenkcazelo kule nombolo, +1 718 560 5000

Okwenzeka eOstreliya: UDonald MacLean kule nombolo, +61 2 9829 5600

Okwenzeka eFiji: UTevita Sadole kule nombolo, +679 330 4766