I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

JANUWARI 13, 2015
ECROATIA

AmaNgqina Amkelwe Kumboniso Odumileyo Wokubhengeza Iincwadi ECroatia

AmaNgqina Amkelwe Kumboniso Odumileyo Wokubhengeza Iincwadi ECroatia

EZAGREB, eCroatia—Okokuqala ngqa, amaNgqina KaYehova nawo ebekho kumboniso odumileyo wokubhengeza iincwadi nezixhobo zokufundisa ngoNovemba 11-16, 2014. Kwesi siganeko sibakho qho ngonyaka, kubakho abantu abaninzi abasuka kwicandelo lokupapasha nelezemfundo ababhengeza izinto zabo, ibe sithathwa njengesinye seyona miboniso iphambili eCroatia. Kulo nyaka, ngabantu abayi-130 000 abaye beza kulo mboniso.

UMongameli waseCroatia, uMhlekaz’ uIvo Josipović, utyelele icala lamaNgqina waza wakhetha iincwadi ezithile.

Phakathi kwabantu abaye beza kubona izinto zamaNgqina, nguMhlekaz’ uIvo Josipović, ongumongameli waseCroatia. UMongamel’ uJosipović ufike wawabulisa amaNgqina waza wakhetha iincwadi ezithetha ngesayensi neBhayibhile, incwadi ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa?, iincwadi zesiNgesi ezithi The Origin of Life—Five Questions Worth Asking nethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?

Kwikona yabantwana bekukho iividiyo zoopopayi ezikwi-jw.org neencwadi ezenzelwe ulutsha nabazali.

Icala elithandwe kakhulu kwizinto zamaNgqina yikona ebinezinto zabantwana, apho abantu bebebukela khona iividiyo zoopopayi ezikwiwebhsayithi yamaNgqina KaYehova ethi jw.org, ezenzelwe ukufundisa abantwana izinto eziseBhayibhileni. Incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, eyenzelwe ukunceda ulutsha nabazali, ithandwe kakhulu ngabantu.

UJosip Liović, osisithethi samaNgqina KaYehova eCroatia, uthe: “Sivuya nyhani ngendlela izinto ezisihambele kakuhle ngayo kulo mboniso ebesiqala ukuba kuwo. Sifumene into engaphaya kwebesiyilindele, kuthathwe iincwadi ezingaphezu kweziyi-7 500. Sikhangele phambili ekubhengezeni izixhobo zethu kwakhona kunyaka ozayo.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Croatia: Josip Liović, tel. +385 91 5336 511