Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

FEBRUWARI 2, 2017
ECHILE

Umlilo Ovutha Ngamandla Kumahlathi AseChile

Umlilo Ovutha Ngamandla Kumahlathi AseChile

AmaNgqina KaYehova anceda amanye amaNgqina kuquka nabanye abantu abaye bachaphazeleka kukunwena komlilo ngoxa bekusitsha amahlathi, oku kuye konakalisa ngaphezu kwesiqingatha seehektare kumbindi nakumzantsi weChile. Abasemagunyeni baye bachazela abantu ngalo mlilo ubuvutha kangangeeveki ezimbini, eyona nto imbi yakha yenzeka kwimbali yeli lizwe.

Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova yaseChile ithe akukhange kubekho Ngqina lonzakeleyo okanye libulewe ngulo mlilo. Abanye kuye kwafuneka ukuba bahambe ibe banikwa indawo yokuhlala ngamanye amaNgqina.

Ukongezelela koko, izindlu ezintlanu zamaNgqina KaYehova ziye zonakaliswa ngulo mlilo. Iofisi yesebe iye yamisela ikomiti yokunceda ngexesha lentlekele ukuze iye kuhlola ukuba mngakanani umonakalo.

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova liyanceda xa kuye kwehla intlekele likwikomkhulu lehlabathi, lisebenzisa iminikelo yomsebenzi wokushumayela wamaNgqina owenziwa ehlabathini lonke.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EChile: UJason Reed, +56-2-2428-2600