Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

JANUWARI 18, 2013
EBRAZIL

Udaka Oluninzi EBrazil

Udaka Oluninzi EBrazil

Kwiveki yokuqala kaJanuwari, izandyondyo zemvula ezaziseRio de Janeiro, eBrazil, zabangela izikhukula nodaka oluninzi olwehlisa iintaba, zabalekisa abantu abangaphezu kwe-3 000. AmaNgqina kaYehova anikela ingxelo yokuba phakathi kwamaNgqina aphantse abe yi-8 000 ahlala apho, akwenzakalanga nalinye. Sekunjalo, kwezo zikhukula, iintsapho zamaNgqina ezisibhozo zashiyeka zingenayo kwanto okanye zalahlekelwa zezinye zezinto awayenazo . La maxhoba agcinwa okwexeshana kumakhaya amanye amaNgqina nezalamane. Ikomiti enikel’ uncedo ngamaxesha entlekele ebunjwa ngamaNgqina asebenza ngokuzithandela sele ize neetoni ezine zokutya, amanzi nezinye izinto eziyimfuneko kwimimandla ezonakalise kakhulu kuzo ezi zikhukula.

Ungafowunela:

UJ. R. Brown, okwiOfisi Yenkcazelo kule nombolo, +1 718 560 5000

EBrazil: UPedro Catardo kule nombolo, +55 15 3322 9000