Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

APRILI 29, 2016
E-ECUADOR

Inyikima Eyenzeke E-Ecuador

Inyikima Eyenzeke E-Ecuador

Inyikima yomhlaba enkulu ithwaxe iindawo ezikunxweme lweEcuador ngoApril 16, 2016. Le nyikima kunye nemiphumo yayo eyothusayo, yenze umonakalo omkhulu kwaye ibulele abantu abangaphezu kwabangama-650. Noxa kungenzekanga monakalo kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseEcuador ebudeni benyikima, amakhaya amaNgqina amaninzi onakalisiwe yile nyikima. Ingxelo yamvanje ibonisa ukuba iNgqina liye lasweleka. AmaNgqina aye athumela iilori ezinokutya namanzi kwiindawo ebezinale nyikima. Ngokukhawuleza iofisi yesebe iye yathumela iikomiti zokunceda ezimbini ukuze zinikele uncedo lokuqala ibe kuye kwakho iindawo ezimbini zokunceda abantu, enye ibikwidolophu yasePedernales ngoxa enye ibiseManta. Ukongezelela koko, kuye kwathunyelwa abameli besebe abane kwezo ndawo zenkxwaleko ukuze bathuthuzele abo bachaphazelekileyo.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini lonke: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

E-Ecuador: UMarco Brito, tel. +593 98 488 8580