Ngasekupheleni kukaDisemba, kuye kwanyanzeleka ukuba abantu abaninzi bashiye izindlu zabo ngenxa yesitshingitshane uKai-tak (esaziwa ngokuba ngu-Urduja) noTembin (owaziwa ngokuba nguVinta), ezibangele izikhukula nodaka oluninzi kwiPhilippines.

Ezi zitshingitshane zonakalise iiHolo zoBukumkani ezimbini, izindlu zamaNgqina KaYehova ezintandathu ibe iintsapho eziyi-281 kuye kwafuneka zifuduke. Sibuhlungu ukunazisa ukuba eLanao del Norte, udade oneminyaka eyi-24 urhaxwe ngamanzi waza wasweleka.

AmaNgqina asekuhlaleni aye eza nezinto zokunceda. Abameli beofisi yesebe kwiiPhilippines balungiselele ukuya kujonga iindawo ezithwaxwe zezi zitshingitshane, izinto ezidingwa ngabazalwana nokubathuthuzela ngeZibhalo.

Sivelana nabo bonke abo baye bathwaxwa zezi zitshingitshane nabaye balahlekelwa. Siqinisekile ukuba uYehova uza kuqhubeka ebathuthuzela aze abancede ngomoya oyingcwele nangentlangano yakhe.—INdumiso 9:9; Isaya 51:12.

Ongaqhagamshelana Nabo:

EMerika: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

KwiiPhilippines: UDean Jacek, +63-2-224-4444