Imvula enkulu enethe kumzantsi-ntshona weNigeria ukususela ngoJulayi 6 ukuya kutsho ngoJulayi 12, 2017, ibangele izikhukula eLagos, eNiger naseOyo. Iindaba zithi bayi-18 ubuncinane abantu abaye basweleka ngenxa yezi zikhukula.

Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eNigeria ithe akukho maNgqina KaYehova aswelekileyo okanye onzakaleyo, nangona amane esiwe kwenye indawo. Ukongeza koko, izindlu ezimbini zamaNgqina ziye zonakala yaza enye yakhukuliseka. AmaNgqina aseNigeria anceda amanye amaNgqina nabamelwane abasiwe kwezinye iindawo nabonakalelwe zizindlu ngezinto eziyimfuneko.

Onokuqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

ENigeria: UPaul Andrew, +234-7080-662-020