I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Culela UYehova—Iingoma Ezintsha

 Ingoma 154

Siza Kuqhubeka Sinyamezela

Siza Kuqhubeka Sinyamezela

(Mateyu 24:13)

  1. Singenza njani

    ukuze sinyamezele?

    UYesu yena wajonga

    Ngapha kwentlungu.

    Wancedwa lithemba,

    Wayecinga ngalo.

    (CHORUS)

    Masinyamezeleni.

    Silwele ukholo.

    UYa uyasithanda.

    Ngoko sohlala sinyamezela.

  2. Kuyo le mihla

    Sisenokuba buhlungu

    Ngapha kwentlungu,

    Sibona umvuzo wethu.

    Ngokholo, nethemba,

    Asipheli mandla.

    (CHORUS)

    Masinyamezeleni.

    Silwele ukholo.

    UYa uyasithanda.

    Ngoko sohlala sinyamezela.

  3. Sikhaliphile

    Asizoyik’ izilingo.

    Sithembekile

    De ibe yimini kaYa.

    Masinyamezele.

    Loo min’ isondele.

    (CHORUS)

    Masinyamezeleni.

    Silwele ukholo.

    UYa uyasithanda.

    Ngoko sohlala sinyamezela.

    Sizonyamezela de kuphele.