I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Culela UYehova—Iingoma Ezintsha

 Ingoma 153

Uziva Njani Na?

Uziva Njani Na?

(Hebhere 13:15)

  1. Uziva njani na

    xa unenzondelelo,

    Uze ngothando uncede

    abo banomdla?

    Hlal’ uzimisele,

    uThixo wokuxhasa.

    Hlala ufuna abo

    bafanelekayo.

    (CHORUS)

    Siyavuya, sinebhongo

    ngokuzinikela kwethu.

    Ngamana singaqhubeka

    sinenzondelelo.

  2. Uziva njani na

    xa ubafikelela

    Abo babuthandayo

    ubomi benene?

    Abant’ abaninzi,

    abafuni nokuva.

    Sekunjalo siyathetha

    ngoThixo wethu.

    (CHORUS)

    Siyavuya, sinebhongo

    ngokuzinikela kwethu.

    Ngamana singaqhubeka

    sinenzondelelo.

  3.   Uziva njani na,

    ngokuxhaswa nguThixo

    Nangokukuphathisa

    umsebenzi wakhe?

    Sizele luvuyo

    ekushumayeleni,

    Sifuna abanomdla

    ngaphambi kwes’phelo.

    (CHORUS)

    Siyavuya, sinebhongo

    ngokuzinikela kwethu.

    Ngamana singaqhubeka

    sinenzondelelo.