Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Culela UYehova—Iingoma Ezintsha

 Ingoma 148

Usinike UNyana Wakho Ekuphela Kwakhe

Usinike UNyana Wakho Ekuphela Kwakhe

(Yohane 15:13)

  1. Yehova Somandla, sasingenathemba.

    Ngothando wancama uNyana wakho!

    Ngoku singabakho, siphilela wena.

    Sazisa abanye ngokuthanda kwakho.

    (CHORUS)

    Uncame uNyana, siyakudumisa.

    Sicula ngemincili, sibulela ngesi sipho.

  2. Sitsalwa yinceba, nobubele bakho.

    Yehova Somandla, siyakuthanda.

    Kodwa eyona nto, sisipho soNyana.

    Oye wasifela, ukuze siphile.

    (CHORUS)

    Uncame uNyana, siyakudumisa.

    Sicula ngemincili, sibulela ngesi sipho.

    (UMQUKUMBELO)

    Yehova Somandla, siyakubulela,

    Sisithi enkosi ngokusinik’ uNyana.

(Bona nezi: Yoh. 3:16; 1 Yoh. 4:9.)