I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Culela UYehova—Iingoma Ezintsha

 Ingoma 141

Sikhangela Abahlobo Boxolo

Sikhangela Abahlobo Boxolo

Dawunlowuda:

(Luka 10:6)

  1. UYesu wathi: ‘Shumayelani.’

    Ehlotyeni, ebusika,

    Wayeshumayela rhoqo.

    Wayebathanda bonke abantu.

    Imin’ yonke

    wayekhangela ngenyameko.

    Kwindlu ngendlu, estratweni,

    Sithetha nabantu bonke

    Ngazo iindaba ezilungileyo.

    (CHORUS)

    Sikhangela

    Bonke abahlobo boxolo.

    Sikhangela

    Abo bafuna usindiso.

    Sikhangela

    Ngenyameko.

  2. Siyaqhubeka nokukhangela.

    Siz’misele ukunceda

    Bonke abasamkelayo.

    Siyabathanda bonke abantu.

    Sibanika imfundiso

    enik’ ithemba.

    Sikhangela abanomdla.

    Nokuba ngumntu nje omnye

    Siyamnceda simfundise ngovuyo.

    (CHORUS)

    Sikhangela

    Bonke abahlobo boxolo.

    Sikhangela

    Abo bafuna usindiso.

    Sikhangela

    Ngenyameko.