I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Culela UYehova—Iingoma Ezintsha

 Ingoma 137

Sinike Inkalipho

Sinike Inkalipho

(IZenzo 4:29)

  1. Abaninzi bayachasa,

    Bayasicinezela,

    Njengoko sishumayela

    NgoBukumkani bakho.

    Kunokuba soyike,

    Sithobela iZwi lakho.

    Ngoko siphe umoya wakho;

    Ow’ Yehova simamele.

    (CHORUS)

    Senze sibe nenkalipho;

    Sincede singoyiki.

    Sicela usomeleze

    Ukuze beve bonke.

    IArmagedon iyeza,

    Logama ingekafiki,

    Senze sibe nenkalipho.

    Siyacela.

  2. Nokuba sinokoyika,

    Uyazi siluthuli.

    Sikholose ngawe Thixo

    Nangamathemba akho.

    Nceda usisindise

    Kwabo basitshutshisayo.

    Sincede singaphel’ amandla

    Njengoko sishumayela.

    (CHORUS)

    Senze sibe nenkalipho;

    Sincede singoyiki.

    Sicela usomeleze

    Ukuze beve bonke.

    IArmagedon iyeza,

    Logama ingekafiki,

    Senze sibe nenkalipho.

    Siyacela.