BUKA
Inkcazelo
Umfanekiso

(Luka 16:16)

  1. 1. Qhubekani bakhonzi bakaThixo,

    Shumayelani ngesibindi nivuya.

    Nangona uMtyholi esilwa,

    UThixo wethu uyasomeleza.

    (CHORUS)

    Phambili, nomelele, nina maNgqina!

    Shumayelani ngehlombe nangovuyo!

    Shumayelani ngehlabathi elitsha,

    Nangeentsikelelo ezizayo.

  2. 2. Qhubekani bakhonzi bakaThixo,

    Nilumkela ihlabathi neento zalo.

    Zigcineni ningenabala,

    Hlalani nithembele ngoYehova.

    (CHORUS)

    Phambili, nomelele, nina maNgqina!

    Shumayelani ngehlombe nangovuyo!

    Shumayelani ngehlabathi elitsha,

    Nangeentsikelelo ezizayo.

  3. 3. Qhubekani bakhonzi bakaThixo,

    Nishumayele ngoBukumkani bakhe.

    Lingcwalisen’ igama lakhe,

    Nincokole ngalo kubantu bonke.

    (CHORUS)

    Phambili, nomelele, nina maNgqina!

    Shumayelani ngehlombe nangovuyo!

    Shumayelani ngehlabathi elitsha,

    Nangeentsikelelo ezizayo.