BUKA

(Mateyu 22:37)

  1. 1. Thixo wam ndiyathembisa,

    Ndokuthanda, ndikuthobele.

    Ndokukhonza ngomphefumlo

    Nangamandla nentliziyo yam.

    Imithetho yakho ndoyenza,

    Kuba ndiyithanda gqitha.

    (CHORUS)

    Thixo wethu ndokukhonza

    Ngomphefumlo wam namandla am.

  2. 2. Thixo indalo iphela

    Izukisa igama lakho.

    Ndinikela ngobomi bam.

    Ndiza kuhlala ndikukhonza.

    Ndakuhlala ndithembekile,

    Ndikukhonze ndinovuyo.

    (CHORUS)

    Thixo wethu ndokukhonza

    Ngomphefumlo wam namandla am.