BUKA

(INdumiso 26)

  1. 1. Thixo Nkosi nceda undihlole,

    Ubone enoba ndithembele ngawe.

    Ndicikide, undigocagoce,

    Kwanentliziyo yam yisulungekise.

    (CHORUS)

    Ndothembeka kuye uYehova

    ukuze ndizuze umvuzo wobomi.

  2. 2. Andihlali nabo bangendawo.

    Ndikwabathiyile abakuchasayo.

    Nceda Thixo, ndingatshabalali

    Nabantu ababi obathiyileyo.

    (CHORUS)

    Ndothembeka kuye uYehova

    ukuze ndizuze umvuzo wobomi.

  3. 3. Ndiyathanda ukuya endlwini

    Yakho Thixo wethu, ukuze ndikhonze.

    UnguMdali, uyafaneleka

    Ukuba ukhonzwe zizidalwa zakho.

    (CHORUS)

    Ndothembeka kuye uYehova

    ukuze ndizuze umvuzo wobomi.

(Funda nesi: INdu. 25:⁠2.)