INGOMA 30
Thixo Wam, Tata Wam, Mhlobo Wam
Khetha Erekhodiweyo
BUKA
Inkcazelo
Umfanekiso
1. Ubomi bam bunzima
Ndineenyembezi kwaneentlungu.
Kodwa yonke imihla
Ndiba nokuphumla.
(CHORUS)
Kuba uThixo unam,
Uyandixhasa ntsuku zonke.
Ngoko andoyiki nto,
Kuba yena uhamba nam.
Ewe, ungumkhuseli,
umlondolozi nomxhasi wam.
UThixo wam, unguTata
KwanoMhlobo.
2. Ngoku andisekho mtsha,
Ndineenkathazo zobu bomi.
Ke noko ndinethemba
Eliqinileyo.
(CHORUS)
Kuba uThixo unam,
Uyandixhasa ntsuku zonke.
Ngoko andoyiki nto,
Kuba yena uhamba nam.
Ewe, ungumkhuseli,
umlondolozi nomxhasi wam.
UThixo wam, unguTata
KwanoMhlobo.
(Funda nesi: INdu. 71:17, 18.)