BUKA
Inkcazelo
Umfanekiso

(Isaya 43:10-12)

  1. 1. Yehova Thixo ongunaphakade,

    Zinob’ lungisa iindlela zakho.

    Unamandla, ubulumko nothando,

    UnguMongami wendalo yonke.

    Siyakuvuyela ukukukhonza,

    Sishumayela ngegama lakho.

    (CHORUS)

    NjengamaNgqina akho siz’misele

    Ukuphila ngokwegama lethu!

  2. 2. Singabantu begama lakho Thixo,

    Sakuhlala sihamba ngokholo.

    Ukufundis’ abanye inyaniso,

    Kusinika uvuyo noxolo.

    Sinomsebenzi esiwuthandayo,

    Uk’shumayela ngegama lakho.

    (CHORUS)

    NjengamaNgqina akho siz’misele

    Ukuphila ngokwegama lethu!