BUKA
Inkcazelo
Umfanekiso

(INdumiso 86:5)

  1. 1. Ngothando uThixo

    Uthumele uNyana,

    Ze sibe nokuxolelwa,

    Nokufa kungabikho.

    Ukuba siyaguquka

    Uza kusixolela.

    UThixo uyaxolela,

    Nathi masixolele.

  2. 2. Senzelwa inceba

    Xa sixelis’ uThixo,

    Sibaxolele abanye,

    Sibaphathe ngothando,

    Kwanaxa sinyamezela

    Iziphoso zabanye,

    Siphathe bonke ngembeko,

    Nothando lokwenene.

  3. 3. Inceba luphawu

    Oluhle kuthi sonke.

    Isenza singafukami

    Inzondo kwanentiyo.

    Xa sixelisa uThixo

    Obonisa uthando

    Ngokuxolela abanye,

    Siza kufana naye.