BUKA

(Mateyu 24:13)

  1. 1. Singenza njani

    ukuze sinyamezele?

    UYesu yena wajonga

    Ngapha kwentlungu.

    Wancedwa lithemba,

    Wayecinga ngalo.

    (CHORUS)

    Masinyamezeleni.

    Silwele ukholo.

    UYa uyasithanda.

    Ngoko sohlala sinyamezela.

  2. 2. Kuyo le mihla

    Sisenokuba buhlungu.

    Ngapha kwentlungu,

    Sibona umvuzo wethu.

    Ngokholo nethemba,

    Asipheli mandla.

    (CHORUS)

    Masinyamezeleni.

    Silwele ukholo.

    UYa uyasithanda.

    Ngoko sohlala sinyamezela.

  3.  3. Sikhaliphile

    Asizoyik’ izilingo.

    Sithembekile

    De ibe yimini kaYa.

    Masinyamezele.

    Loo min’ isondele.

    (CHORUS)

    Masinyamezeleni.

    Silwele ukholo.

    UYa uyasithanda.

    Ngoko sohlala sinyamezela.