I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Uyijonga Njani IBhayibhile?

Uyijonga Njani IBhayibhile?

Ngaba unokuthi . . .

  • yincwadi enobulumko babantu?

  • yincwadi yeentsomi namabali?

  • liLizwi likaThixo?

 OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.”—2 Timoti 3:16, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

INDLELA EKUNOKUKUNCEDA NGAYO OKU

Unokufumana iimpendulo ezanelisayo kwimibuzo ebalulekileyo yobomi.—IMizekeliso 2:1-5.

Ukhokelo olunokuthenjwa kwizinto zemihla ngemihla.—INdumiso 119:105.

Ithemba lokwenene ngekamva.—Roma 15:4.

 NGABA SINOKUKUKHOLELWA NGOKWENENE OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE?

Ewe, ngenxa yezi zizathu zintathu:

  • Iyavisisana. IBhayibhile yabhalwa malunga neminyaka eyi-1 600 ngabantu abahlukahlukeneyo abayi-40. Uninzi lwabo alwazani. Sekunjalo, yonke le ncwadi iyavisisana, inomxholo omnye!

  • Ichanile ngokwembali. Ababhali-mbali behlabathi badla ngokuziquma iimpazamo zabantu babo. Ngokwahlukileyo, ababhali beBhayibhile bazibhala iimpazamo zabo nezohlanga lwabo.—2 Kronike 36:15, 16; INdumiso 51:1-4.

  • Iziprofeto ezinokuthenjwa. IBhayibhile yaprofeta ngokutshatyalaliswa kweBhabhiloni kwiminyaka emalunga ne-200 ngaphambi kokuba kwenzeke oko. (Isaya 13:17-22) Asizange sichaze nje kuphela indlela eyayiza kutshatyalaliswa ngayo iBhabhiloni kodwa kuquka negama lomntu awayeza koyisa!—Isaya 45:1-3.

Ezinye iziprofeto ezininzi eziseBhayibhileni zazaliseka kanye ngendlela ezazichazwe ngayo. Kodwa oku koko besinokukulindela ngeLizwi likaThixo.—2 Petros 1:21.

 KHAWUCINGE NGOKU

ILizwi likaThixo linokubuphucula njani ubomi bakho?

IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo kuISAYA 48:17, 18 nakweye-2 KUTIMOTI 3:16, 17.

Funda Okungakumbi

Ngaba Iindaba Ezilungileyo Zivela KuThixo Ngokwenene?

Sinokuqiniseka njani ukuba iBhayibhile ichanile?