I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?

Ngaba Uza Kwenza Ukuthanda KukaYehova?

Ngaba Uza Kwenza Ukuthanda KukaYehova?

Siyabulela kuba uye wazipha ithuba lokufunda le ncwadana inemifanekiso ukuze uwazi amaNgqina kaYehova, ufunde ngomsebenzi wethu uze ubone indlela esebenza ngayo intlangano yethu. Sithemba ukuba iye yakunceda wabona ukuba sithi abenza ukuthanda kukaYehova namhlanje. Sikukhuthaza ukuba uqhubeke ufunda ngoThixo, uxelele intsapho nabahlobo bakho ngezinto ozifundayo uze uye rhoqo kwiintlanganiso zethu zamaKristu.—Hebhere 10:23-25.

Uza kufumanisa ukuba, okukhona ufunda ngoYehova, kokukhona uya kuyibona indlela akuthanda ngayo. Oko kuya kubangela ukuba wenze konke onako ukuze umbonise ukuba uyamthanda nawe. (1 Yohane 4:8-10, 19) Kodwa unokukubonisa njani oko ebomini bakho? Kutheni kuyingenelo ukuphila ngemilinganiselo yakhe yokuziphatha? Yintoni enokukunceda ufune ukwenza ukuthanda kukaThixo njengoko sisenza? Umntu ofunda nawe iBhayibhile uya kukuvuyela ukukuncedisa ufune iimpendulo zale mibuzo ukuze wena nentsapho yakho ‘nizigcine kuthando lukaThixo nikhangele kubomi obungunaphakade.’—Yude 21.

Siyakumema ukuba wenze inkqubela yokomoya ngokufunda le mpapasho ithi “Zigcineni Kuthando LukaThixo”.

 

Funda Okungakumbi

Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?

IBhayibhile inceda abantu abaninzi emhlabeni wonke ukuba bafumane iimpendulo zemibuzo abanayo ngobomi. Ungathanda ukuba ngomnye wabo?

Kuthetha Ukuthini Ukufundelwa IBhayibhile?

Fumana iimpendulo zezinto ezibuzwa ngocwangciso lwethu lwesifundo seBhayibhile sasimahla.