I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?

 Isifundo 14

Yintoni Inkonzo Yobuvangeli?

Yintoni Inkonzo Yobuvangeli?

EUnited States

ISikolo saseGiliyadi, EPatterson, ENew York

EPanama

Ngaba ungathanda yaye ungakwazi ukushiya intsapho yakho nelizwe ozalelwe kulo usiya kushumayela iindaba ezilungileyo kwilizwe elikude? Amawaka-waka amaNgqina aye akwenza oku enesimo sengqondo sikaIsaya esithi: “Ndikho! Thuma mna.” (Isaya 6:8) Ngaloo ndlela alinganisa oyena Mthunywa Wevangeli ubalaseleyo, uYesu Kristu.—Yohane 7:29.

Yindlela Yokuhamba Emanyathelweni kaYesu. UYesu wathunywa nguThixo esuka ezulwini ukuze aze kuphila nabantu abanesono emhlabeni. Nangona wayebona ukungabikho kokusesikweni, akazange azame ukubatshintsha abantu. Wanikel’ ingqalelo koko wayekuthunyiwe, ‘ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo”—obukuphela kwesicombululo seengxaki zoluntu. (Luka 4:43) Abathunywa bevangeli abangamaKristu balandela umzekelo wakhe.

Bubomi bokuzincama. Umthunywa wevangeli umele aqhelane nendlela yokuphila, amasiko, imozulu nokutya ekusenokwenzeka ukuba akaqhelananga nako. Kusoloko kufuneka ukuba afunde ulwimi olutsha ukuze akwazi ukuthetha nabantu basekuhlaleni. Kusenokufuneka asebenzise izinto zokuhamba eziqhelekileyo ukuze afikelele kwimimandla ekwanti. Ukuze bazincame ngolo hlobo, abathunywa bevangeli bamele babathande ngokusuk’ entliziyweni abantu.

Bufuna uqeqeshwe kakuhle. AmaNgqina amaninzi angenela inkonzo yobuvangeli aya kwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi seenyanga ezintlanu. Le mfundo iwenza amthembe ngakumbi uYehova, iLizwi lakhe nentlangano yakhe. (IMizekeliso 3:5, 6) Iyawanceda abe neempawu zokomoya aza kuzisebenzisa kubomi bawo bobuvangeli nobuchule bokufundisa iBhayibhile. Akufanelekela ngakumbi ukushumayela ‘kwezona nxalenye zikude zomhlaba.’—IZenzo 1:8.

  • Yintoni efunekayo kumshumayeli wevangeli?

  • Sisiphi isikolo esilungiselelwe abathunywa bethu bevangeli?

Funda Okungakumbi

Kuqeqeshwa Abashumayeli BoBukumkani

Izikolo zobuthixo zibenze njani abashumayeli boBukumkani balungela ukuwenza kakuhle umsebenzi wabo?