I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?

 Isifundo 17

Basinceda Njani Abaveleli Abahambahambayo?

Basinceda Njani Abaveleli Abahambahambayo?

EMalawi

Iqela lentsimi

Intsimi

Intlanganiso yabadala

IZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zisoloko zithetha ngoBharnabhas nompostile uPawulos. La madoda ayengabaveleli abahambahambayo, etyelela amabandla enkulungwane yokuqala. Kwakutheni ukuze enze lo msebenzi? Ayexhalabele impilo-ntle yabazalwana bawo. UPawulos wathi wayefuna ‘ukubuyela ukuze atyelele abazalwana’ nokuze abone ukuba baqhuba njani. Wayengenangxaki yokuhamba imigama emide esiya kubomeleza. (IZenzo 15:36) Yiloo nto kanye eyenziwa ngabaveleli abahambahambayo namhlanje.

Baze kusikhuthaza. Umveleli wesiphaluka utyelela amabandla amalunga nama-20, echitha iveki kwibandla ngalinye kabini ngonyaka. Umveleli wesithili uya kwiziphaluka ezimalunga nezilishumi, etyelela amabandla aze abe ngusihlalo wendibano yesiphaluka nganye kanye ngonyaka. Amava aba bazalwana anokusinceda kakhulu yaye ukuba batshatile, sinokuncedwa nangawabafazi babo. Bazama ukwazi bonke abantu, abancinane nabakhulu, yaye banomdla wokuya nathi entsimini nakwizifundo zethu. Aba baveleli benza umsebenzi wokwalusa kunye nabadala, yaye ukuze basomeleze, banikela iintetho ezikhuthazayo ezintlanganisweni nakwiindibano.—IZenzo 15:35.

Banomdla kubo bonke abantu. Abaveleli abahambahambayo banomdla okhethekileyo kwimeko yokomoya yebandla. Baba nentlanganiso nabadala nezicaka zolungiselelo ukuze bahlole inkqubela eyenziweyo, baze babacebise ngendlela yokusingatha iimbopheleleko zabo. Banceda oovulindlela baphucule entsimini, baze bazame ukuqhelana nabantu abatsha ebandleni beve nenkqubela yabo yokomoya. Ngamnye kwaba bazalwana, uzinikela ‘njengomsebénzi olidlelane ngenxa yezilangazelelo zethu.’ (2 Korinte 8:23) Sifanele sixelise ukholo lwabo nendlela abazinikela ngayo kuThixo.—Hebhere 13:7.

  • Kutheni abaveleli abahambahambayo betyelela amabandla?

  • Lunokukunceda njani utyelelo lwabo?

Funda Okungakumbi

Kutheni AmaNgina KaYehova Esiya KwiiNdibano Ezinkulu?

Nyaka ngamnye, siba neendibano ezintathu ezikhethekileyo. Ungangenelwa njani kuzo?

AmaNgqina KaYehova Awulungelelanisa Njani Umsebenzi Wawo Wokushumayela?

Silandela umzekelo owamiselwa nguYesu ngoxa wayesemhlabeni. Ziziphi ezi ndlela zokushumayela?