I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ucinga Ntoni Ngekamva?

Ucinga Ntoni Ngekamva?

Ngaba umhlaba wethu uza . . .

  • kuhlala unje?

  • konakala ngakumbi?

  • kuba ngcono?

 OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“UThixo . . . uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

INDLELA EKUNOKUKUNCEDA NGAYO OKU

Unokufumana umsebenzi onentsingiselo nowanelisayo.—Isaya 65:21-23.

Akuzi kubakho kugula okanye ukubandezeleka.—Isaya 25:8; 33:24.

Unokufumana ubomi obonwabisayo obungunaphakade nentsapho nabahlobo.—INdumiso 37:11, 29.

 NGABA NGOKWENENE SINOKUKUKHOLELWA OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE?

Ewe, ngenxa yezi zizathu zimbini:

  • UThixo uyakwazi ukusizalisekisa isithembiso. EBhayibhileni, nguYehova uThixo yedwa obizwa ngokuba ‘nguSomandla,’ kuba unamandla angapheliyo. (ISityhilelo 15:3) Ngenxa yoko, uyakwazi ukugcina isithembiso sokuba uza kuwutshintsha ube ngcono umhlaba wethu. Njengoko iBhayibhile isitsho, “kuThixo izinto zonke zinako ukwenzeka.”—Mateyu 19:26.

  • UThixo uyakunqwenela ukuzalisekisa isithembiso. Ngokomzekelo, uYehova ‘uyakulangazelela’ ukubuyisela abantu abafayo ebomini.—Yobhi 14:14, 15.

Kwakhona iBhayibhile ibonisa ukuba uNyana kaThixo, uYesu, waphilisa abantu abagulayo. Kwakutheni ukuze enjenjalo? Ngenxa yokuba wayefuna ukwenjenjalo. (Marko 1:40, 41) UYesu wabubonisa kakuhle ubuntu bukaYise bokunqwenela ukunceda abantu abadinga uncedo.—Yohane 14:9.

Ngoko sinokuqiniseka ukuba uYehova noYesu bafuna ukusinceda sinandiphe ikamva elonwabisayo!—INdumiso 72:12-14; 145:16; 2 Petros 3:9.

 KHAWUCINGE NGOKU

UThixo uza kulitshintsha njani libe ngcono ihlabathi?

IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo kuMATEYU 6:9, 10 nakuDANIYELI 2:44.

Funda Okungakumbi

Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?

IBhayibhile ichaza isizathu sokuba uThixo adale umhlaba, ukuba kuya kuphela nini ukubandezeleka, nokuba ikamva liwuphathele ntoni umhlaba nabo baphila kuwo.

Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

Ngubani onguKumkani woBukumkani bukaThixo yaye yintoni eza kuphunyezwa buBukumkani?