Kuzo zonke iimpawu anazo uYehova, uthando lolona lubalaseleyo. Yaye lukwalolona lunomtsalane. Njengoko sihlolisisa ezinye zeenkalo ezibalaseleyo zolu phawu luxabisekileyo, siza kubona isizathu sokuba iBhayibhile ithi “uThixo uluthando.”—1 Yohane 4:8.