I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade

 ICANDELO 7

Wayengubani UYesu?

Wayengubani UYesu?

UYehova wathumela uYesu emhlabeni. 1 Yohane 4:9

Ukuba sifuna ukukholisa uYehova, simele siphulaphule komnye umntu obalulekileyo. Kude kudala ngaphambi kokudala uAdam, uYehova wadala omnye umntu womoya onamandla ezulwini.

Ekuhambeni kwexesha, uYehova wathumela lo mntu ukuba azalwe eBhetelehem yintombi enyulu uMariya. Lo mntwana wathiywa igama lokuba nguYesu.—Yohane 6:38.

Xa wayengumntu emhlabeni, uYesu wazibonisa ngokugqibeleleyo iimpawu zikaThixo. Wayenobubele, enothando yaye engeneka. Engoyiki, wafundisa inyaniso ngoYehova.

 UYesu wenza okulungileyo kodwa wathiywa. 1 Petros 2:21-24

Kwakhona uYesu waphilisa abagulayo waza wavusa abanye abantu ababefile.

Inkokeli zonqulo zamthiya uYesu kuba wayebhenca iimfundiso zazo zobuxoki neendlela zazo ezimbi.

Iinkokeli zonqulo zaphembelela amaRoma ukuba abethe uYesu aze ambulale.

Funda Okungakumbi

Ngubani UYesu Kristu?

Funda ukuba kwakutheni ukuze uYesu afe, yintoni intlawulelo, nokuba wenza ntoni ngoku.