Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade

 ICANDELO 14

Unokukubonisa Njani Ukunyaniseka KuYehova?

Unokukubonisa Njani Ukunyaniseka KuYehova?

Yima ngakwicala likaThixo. 1 Petros 5:6-9

Kuphephe ukuba nenxaxheba kwizithethe ezingqubanayo neBhayibhile. Oku kufuna ube nenkalipho.

Musa ukubandakanyeka kwiipolitiki zeentlanga; azimxhasi uYehova noBukumkani bakhe.

 Yenza ukhetho oluchanileyo—phulaphula uThixo. Mateyu 7:24, 25

Nxulumana namaNgqina kaYehova; aya kukunceda usondele kuThixo.

Qhubeka ufunda ngoThixo uze uzame ukuthobela imiyalelo yakhe.

Xa ukholo lwakho lomelele, ufanele wahlulele ubomi bakho kuYehova uze ubhaptizwe.Mateyu 28:19.

Phulaphula uThixo. Funda iBhayibhile, uze ucele amaNgqina kaYehova ukuba akuncede uyiqonde. Emva koko, kusebenzise oko ukufundayo. Xa usenjenjalo, uya kuphila ngonaphakade.INdumiso 37:29.