I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade

Iza Kubakho Nini IParadesi?

Iza Kubakho Nini IParadesi?

 ICANDELO 9

Iinkathazo ezisemhlabeni zingqina ukuba uBukumkani bukaThixo busemnyango. Luka 21:10, 11; 2 Timoti 3:1-5

Izinto ezininzi ezenzeka namhlanje zaxelwa kwangaphambili eBhayibhileni. Yathi abantu baya kuthanda imali, bangabathobeli abazali, babe ziindlobongela baze bathande iziyolo.

Kwakuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu, iimfazwe, ukunqongophala kokutya kuze kwande izifo. Ezo zinto zenzeka ngoku.

Kwakhona, uYesu wathi iindaba ezilungileyo zoBukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba.—Mateyu 24:14.

 UBukumkani buya kutshabalalisa bonke ubungendawo. 2 Petros 3:13

Kungekudala uYehova uza kubatshabalalisa bonke abangendawo.

USathana needemon baza kohlwaywa.

Abo bamphulaphulayo uThixo baza kusindela kwihlabathi elitsha elinobulungisa, apho kungasayi kubakho loyiko, nalapho abantu beya kuthembana baze bathandane.

Funda Okungakumbi

Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?

IBhayibhile ichaza isizathu sokuba uThixo adale umhlaba, ukuba kuya kuphela nini ukubandezeleka, nokuba ikamva liwuphathele ntoni umhlaba nabo baphila kuwo.

Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

Ngubani onguKumkani woBukumkani bukaThixo yaye yintoni eza kuphunyezwa buBukumkani?